UHlelo noKhanya abahlobo benene. UHlelo ukhathazekile kuba umama
wakhe uye eJamani elixa notitshala wakhe wobugcisa emkile ukuya
eMpuma-Koloni. Umdla wakhe kwezobugcisa uvuseleleke kwakufika
utitshalakazi omtsha wezobugcisa esikolweni sakhe onguNomsa Radebe.
UHlelo wamthanda kakhulu utitshalakazi wakhe omtsha wezobugcisa de
waqhuba nomzobo wakhe wokungenelela kwezokhuphiswano lwezobugcisa.
Iincwadi zakwaHeinemann zokufunda ezithi Ukufunda Kulula, zoLwimi
lwasekhaya ziqulethe iidrama, iziyolisi, amabali angobukroti
nobuqhawe, amabali adala unxunguphalo, amabali angolunqa, amabali
abuntsomirha kunye nalawo ayinyani alungiselelwe umfundi wesiGaba
esiPhakathi.
Olu luhlu lunamabali angama-20 kwibanga ngalinye, elo nelo bali
linikwe umgangatho phakathi kowokuqala ukuya kowesine. Uluhlu
lokufunda luka-Ukufunda Kulula lwenza abafundi bakuvuyele ukufunda
kwaye bakwazi nokuphucula ukufunda kwabo eklasini.
General
Is the information for this product incomplete, wrong or inappropriate?
Let us know about it.
Does this product have an incorrect or missing image?
Send us a new image.
Is this product missing categories?
Add more categories.
Review This Product
No reviews yet - be the first to create one!