Libali elingobuhlobo bembalelwano phakathi kukaLulama oseMzantsi
Afrika noBen ophesheya kolwandle. Bobabini bathumelelana iifoto
zabo ukuqinisa ubuhlobo babo bembalelwano. Baphetha bengabahlobo
benene nangona bengazange babonana ngamehlo enyama bahlulwe
ziilwandlekazi. Nabazali babo bakuthakazelela kakhulu oku
kwenzekayo. Babalisena ngokwenzeka kumazwe abo kwiimbalelwano zabo.
Iincwadi zakwaHeinemann zokufunda ezithi Ukufunda Kulula, zoLwimi
lwasekhaya ziqulethe iidrama, iziyolisi, amabali angobukroti
nobuqhawe, amabali adala unxunguphalo, amabali angolunqa, amabali
abuntsomirha kunye nalawo ayinyani alungiselelwe umfundi wesiGaba
esiPhakathi. Olu luhlu lunamabali angama-20 kwibanga ngalinye, elo
nelo bali linikwe umgangatho phakathi kowokuqala ukuya kowesine.
Uluhlu lokufunda luka-Ukufunda Kulula lwenza abafundi bakuvuyele
ukufunda kwaye bakwazi nokuphucula ukufunda kwabo eklasini.
General
Is the information for this product incomplete, wrong or inappropriate?
Let us know about it.
Does this product have an incorrect or missing image?
Send us a new image.
Is this product missing categories?
Add more categories.
Review This Product
No reviews yet - be the first to create one!