0
Your cart

Your cart is empty

Books

Buy Now

Wandibetha wena Xolani (Paperback) Price: R189
Discovery Miles 1 890

Wandibetha wena Xolani (Paperback)

Nceba Tyobeka

 (sign in to rate)
Price R189
Sold by
Verity Publishers - Fulfilled by Loot
Discovery Miles 1 890

Bookmark and Share

Expected to ship within 7 - 10 working days

UThapelo ekudala wancwasa umfazi womfo wabo, uXolani, wazifaka engxakini yena ngokwakhe ngokuthi adlwengule uNomalungelo engekho uXolani njengoko wayengekabuyi emsebenzini. Eyona ngxaki iphambili kuyo yonke le nto kukuba uEmeli wakhetha ukuba neemfihlo benomakoti wakhe ndawonye noThapelo bangayithethi kuXolani. Le meko yathanda ukungaginyisi mathe kuXolani ngoba kwasuka kwaba ngathi uEmeli ongumama wezintwana zozibini ukheth' icala kwaye uthand' uThapelo kunaye. Kwathi nangoku uThapelo sele enze nzima umakoti ongumfazi kaXolani okwesibini, nalapho uEmeli wayengazimiselanga kuyiveza yonke le mhemhe kuXolani ukuze bakwazi ukuyilungisa njengosapho lomzi lakwaZwelibanzi. Yiyo ke le nto eyadala ukuba uXolani aphakamise isandla kwakwityeli lokuqala. Ngelakhe uXolani wayezama ukumnqanda kunjalo nje wambethela phakathi ecaweni indlu imi ngeembambo emveni kokuba uNomalungelo sele eveze indlela awadlwengulwa ngayo nguThapelo. Uthe uXolani esakuqumba ithuba elide kwaye engahoyi umkakhe, uNomalungelo wathandana notata womntwana wakhe ngendlela yabo bobathathu. Le nto yabo yokuthandana ekhusini benoThapelo baqgibela bethandana ngaphandle kwexhala esidlangalaleni nangeli xesha sebehlala bonke kuloXolani emva kokutshelwa yindlu. Ke ngoku uEmeli kulapho yamoyisa kwaphela le ngxaki ukuyilungisa ngoba akazange abenanyani kwasekuqaleni. Eli bali likaXolani laba nesiphelo esibuhlungu phakathi kwakhe benoThapelo.

General

Imprint: Verity Publishers
Authors: Nceba Tyobeka
Format: Paperback
Pages: 176
ISBN-13: 978-1-928348-05-4
Categories: Books
LSN: 1-928348-05-X
Barcode: 9781928348054

Is the information for this product incomplete, wrong or inappropriate? Let us know about it.

Does this product have an incorrect or missing image? Send us a new image.

Is this product missing categories? Add more categories.

Review This Product

No reviews yet - be the first to create one!

Partners