Ibali lingoDa inkwenkwana ehlala nabantu bakowayo kunye nezihlobo
zayo kufuphi nomlambo oyiCubango. Yindawo apho amadoda aphila
ngokuloba, abafazi bachola-chola iinqoba neziqhamo. UDa
wayenotatomkhulu osisilumko nodadewabo uTumi. Utatomkhulu
wabalumkisa ukuba bobabini bangaze baye kuloba kwisiziba esinzulu
esisegopheni lomlambo iCubango.
Iincwadi zakwaHeinemann zokufunda ezithi Ukufunda Kulula, zoLwimi
lwasekhaya ziqulethe iidrama, iziyolisi, amabali angobukroti
nobuqhawe, amabali adala unxunguphalo, amabali angolunqa, amabali
abuntsomirha kunye nalawo ayinyani alungiselelwe umfundi wesiGaba
esiPhakathi.
Olu luhlu lunamabali angama-20 kwibanga ngalinye, elo nelo bali
linikwe umgangatho phakathi kowokuqala ukuya kowesine. Uluhlu
lokufunda luka-Ukufunda Kulula lwenza abafundi bakuvuyele ukufunda
kwaye bakwazi nokuphucula ukufunda kwabo eklasini.
General
Is the information for this product incomplete, wrong or inappropriate?
Let us know about it.
Does this product have an incorrect or missing image?
Send us a new image.
Is this product missing categories?
Add more categories.
Review This Product
No reviews yet - be the first to create one!