Libali elingo-Emihle onga etyholweni elishinyeneyo ngomngxuma
oseludongeni. Ungena nzulu kulo mngxuma useludongeni kanti umsa
emqolombeni owoyikekayo nonezinto. Kwalapha uva ilizwi eliphuma
elityeni. Kukho nentlanzi ethethayo no-Emihle. Kwalapha u-Emile
ubona isele elineentloko ezintathu neepere ezintathu zamehlo.
USizwe ongumninawa wakhe ukrwitshwa zizityalo ezihambayo kwalapha
kodwa amhlangule.
Bayasinda kodwa ekugqibeleni baphume bengekabhaqwa ngunina ukuba
bebengekho. Iincwadi zakwaHeinemann zokufunda ezithi Ukufunda
Kulula, zoLwimi lwasekhaya ziqulethe iidrama, iziyolisi, amabali
angobukroti nobuqhawe, amabali adala unxunguphalo, amabali
angolunqa, amabali abuntsomirha kunye nalawo ayinyani alungiselelwe
umfundi wesiGaba esiPhakathi.
Olu luhlu lunamabali angama-20 kwibanga ngalinye, elo nelo bali
linikwe umgangatho phakathi kowokuqala ukuya kowesine. Uluhlu
lokufunda luka-Ukufunda Kulula lwenza abafundi bakuvuyele ukufunda
kwaye bakwazi nokuphucula ukufunda kwabo eklasini.
General
Is the information for this product incomplete, wrong or inappropriate?
Let us know about it.
Does this product have an incorrect or missing image?
Send us a new image.
Is this product missing categories?
Add more categories.
Review This Product
No reviews yet - be the first to create one!