Le ncwadi ingebali elibuhlungu elibonisa ukuba xa ungengommi
wendawo uziva ungamkelekanga. Zininzi izinto ezenza uzive
ungamkelekanga. Sibaliselwa ngenkwenkwe enguBukhali efikele
kwilokishi antlontwe ngamakhwenkwe emxuthela namatikiti okukhwela
ibhasi. Kuboniswa nendlela ekulula ngayo ukuba umntwana oyinkwenkwe
aphulukane nesimilo azibone ehlobene nemigewu ezama ukuzikhusela
kuyo okanye ezama ukuzithandisa ngenjongo yokuba bangamhlaseli.
Iincwadi zakwaHeinemann zokufunda ezithi Ukufunda Kulula, zoLwimi
lwasekhaya ziqulethe iidrama, iziyolisi, amabali angobukroti
nobuqhawe, amabali adala unxunguphalo, amabali angolunqa, amabali
abuntsomirha kunye nalawo ayinyani alungiselelwe umfundi wesiGaba
esiPhakathi. Olu luhlu lunamabali angama-20 kwibanga ngalinye, elo
nelo bali linikwe umgangatho phakathi kowokuqala ukuya kowesine.
Uluhlu lokufunda luka-Ukufunda Kulula lwenza abafundi bakuvuyele
ukufunda kwaye bakwazi nokuphucula ukufunda kwabo eklasini.
General
Is the information for this product incomplete, wrong or inappropriate?
Let us know about it.
Does this product have an incorrect or missing image?
Send us a new image.
Is this product missing categories?
Add more categories.
Review This Product
No reviews yet - be the first to create one!