UNkosikazi Khumalo ogugileyo ongasaboni kakuhle ngamehlo
ulahlekelwe ziiglasi zakhe zokujonga. Kuthe kanti uzifake kwingxowa
ayinike unyana wommelwane uSolomoni, uyazifumana ngokuthi uSolomoni
azibuyise esaxekiwe ukuba uza kuqala ngaphi kuba akakwazi kubona
ngaphandle kwazo. Ubulela uSolomoni ngobubele obungaka.
Iincwadi zakwaHeinemann zokufunda ezithi Ukufunda Kulula, zoLwimi
lwasekhaya ziqulethe iidrama, iziyolisi, amabali angobukroti
nobuqhawe, amabali adala unxunguphalo, amabali angolunqa, amabali
abuntsomirha kunye nalawo ayinyani alungiselelwe umfundi wesiGaba
esiPhakathi.
Olu luhlu lunamabali angama-20 kwibanga ngalinye, elo nelo bali
linikwe umgangatho phakathi kowokuqala ukuya kowesine. Uluhlu
lokufunda luka-Ukufunda Kulula lwenza abafundi bakuvuyele ukufunda
kwaye bakwazi nokuphucula ukufunda kwabo eklasini.
General
Is the information for this product incomplete, wrong or inappropriate?
Let us know about it.
Does this product have an incorrect or missing image?
Send us a new image.
Is this product missing categories?
Add more categories.
Review This Product
No reviews yet - be the first to create one!